Jeremiah 31:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oko intombi ipela iya kuvuya emdudweni, kwa namadodana namaxego kunye; ngokuba ndiya kuguqula ukulila kwabo kube ngumgcobo, ndibatutuzele, ndibavuyise emva kwosizi lwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iya kwandula intombi ivuye ekungqungqeni, namadodana namadoda amakhulu kunye; ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali, ndibathuthuzele, ndibavuyise, bangabi nasingqala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iya kwandula intombi ibe nemihlali ekungqungqeni, amadodana namadoda amakhulu kunye;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iintombi zongqungqa, zigcobe, benjenjalo abafana kwanamadoda. Usizi lwabo ndoluguqula lube luvuyo; ndobathuthuzela bagcobe, bangabuyi babe buhlungu.