Jeremiah 31:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ilizwi, lavakala e‐Rama, isikalo, isililo esiṙaṙa kunene; u‐Rakele elilela abantwana bake, esala ukututuzelwa pezu kwabantwana bake, ngokuba bengaseko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Kuvakele izwi eRama, isimema, isililo esikrakra: uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba bengasekho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Kuvakele izwi eRama, isikhalo nesikhalo esikrakra; uRakeli, owayekhalela abantwana bakhe, akavuma kuthuthuzelwa ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba babengekho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Kuvakala isikhalo esikrakra eRama. URakeli ulilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, kuba bengasekho.”