Jeremiah 31:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Bamba ilizwi lako ekulileni, namehlo ako ezinyembezini: ngokuba kuko umvuzo kumsebenzi wako, utsho uyehova; ngokuba beya kubuya elizweni lotshaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Lithintele ilizwi lakho, lingalili, namehlo akho angabi nanyembezi; ngokuba unomvuzo umsebenzi wakho, utsho uYehova; baya kubuya ezweni lotshaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova ukuthi, Lithinteleni ilizwi lenu, lingakhali, ningalili amehlo enu, ngokuba umvuzo womsebenzi wenu uya kuba khona, utsho uYehova; yaye baya kubuya kwilizwe lotshaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: “Ngxe, yeka ukulila! Musa ukuba nyembezana. Inkxamleko yakho iza kuvuzwa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Abantwana bakho bobuya kwilizwe lotshaba.