Jeremiah 31:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko kanjalo itemba kokwasemva kwako, utsho uyehova; ngokuba abantwana bako beya kubuyela emdeni wabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Linethemba ikamva lakho, utsho uYehova; oonyana bakho baya kubuyela emdeni wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kunethemba ekupheleni kwakho, utsho uYehova, ukuba oonyana bakho baya kubuyela emideni yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Likho ithemba ngekamva lakho,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “kuba abantwana bakho baza kubuyela kwelokuzalwa.