Jeremiah 31:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndivile ngokwenene u‐Frayime ezincwinela, esiti: Undohlwayile, ndaza ndohlwaywa ke, njengenkatyana engaqeliswanga: ndiguqule, ndandiya kuguqulwa; ngokuba wena unguyehova, utixo wam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndimvile ngenene uEfrayim, ehlunguzela intloko, esithi, Undiqeqeshile ndaqeqesheka njengethole elingekathambi;ndibuyise, ndibuye; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndimvile ngenene uEfrayim ekhala, esithi; Wandibetha, ndaqeqeshwa njengenkunzi yenkomo, engaqhelananga nedyokhwe; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ndimvile encwina uEfrayim, esithi: ‘Undiqeqeshile ndatsho ndanjengethole eliqhelisiweyo. Ndibuyise, khon' ukuze ndibuyele kuwe, kuba nguwe, Ndikhoyo, uThixo wam.