Jeremiah 31:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Frayime asi nguye na unyana onqabileyo kum? asi nguye na umntwana weziyolo? ngokuba kwa kuseloko ndabenditeta ngakuye, ndisamkumbula ngenyaniso; ngako oko amatumbu am ayaxuxuzela pezu kwake; ndoba netaṙu ngakuye ngokwenene, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngunyana onqabileyo na kum uEfrayim? Ngumntwana wokuteketiswa na, le nto ndithi, ndakuthetha ngaye ndimchasile, ndisuke ndimkhumbule ngakumbi? Ngenxa yoko izibilini zam ziyasika ngaye; inene, ndiya kuba nemfesane kuye, utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngunyana wam na uEfrayim? Ndingumntwana onomtsalane? Kuba oko ndithethe kakubi ngaye, ndisamkhumbula; ke ngoko, isisu sam siphazamisekile nguye; inene, ndiya kuba nenceba kuye, utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba uEfrayim asingonyana wam oyintandane, umntwana endinebhongo ngaye? Okukhona ndimkhalimelayo kokukhona ndimkhumbulelayo. Ndisikwa yimfesane ngenxa yakhe; inene, ndomthi jize ngenceba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.