Jeremiah 31:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuleyomihla abasayi kuti: Oyise bazityile idreyive ezimuncu, nabantwana amazinyo abo ayateleziswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mihla abasayi kuba sathi, Ooyise badle iidiliya ezimuncu, amazinyo oonyana aba buthelezi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha akuyi kuba sathiwa, Aba ooyise badle iidiliya ezibolileyo, amazinyo oonyana ahexa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngaloo mihla abakubuya bathi abantu: ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada, suka kwabuthelezi amazinyo abantwana.’