Jeremiah 31:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko bonke ngabanye baya kufa ngenxa yokwabo ukukohlakala; bonke abantu abatyayo idreyive ezimuncu amazinyo abo aya kuteleziswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke elowo uya kufa ngenxa yobakhe ubugwenxa; umntu wonke odla iidiliya ezimuncu, nguye omazinyo aya kuba buthelezi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
elowo uya kufa ngenxa yobubi bakhe; umntu odla iidiliya ezimuncu, uya kuba buthelezi amazinyo akhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu ngamnye uya kufa ngenxa yobugwenxa bakhe. Kuya kuthi lowo utya iidiliya ezimuncu, kube buthelezi awakhe amazinyo.”