Jeremiah 31:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko lulo olu ucebano endiya kulwenza nendlu ka‐Sirayeli, emveni kwalomihla, utsho uyehova: ndiya kubeka umteto wam embilini wabo, napezu kwentliziyo yabo ndowuba̔la; ndandiya kuba ngutixo wabo, bati bona babe ngabantu bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli; Emveni kwaloo mihla, utsho uYehova, ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo; yena uya kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nguwo lo umnqophiso endiza kuwenza nesizwe sikaSirayeli kwimihla ezayo,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “Imiyalelo yam ndiya kuyimilisela ngaphakathi kwabo, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, mna ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.