Jeremiah 31:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye bengayi kubuya bafundise omnye ummelwane wake, nomnye umzalwana wake, besiti: Yazini uyehova; ngokuba beya kundazi bonke, kwa kuye omncinane wabo kude kube kuye omkulu wabo, utsho uyehova; ngokuba ndiya kuxolela ukukohlakala kwabo, nesono sabo andiyi kubuya ndisikumbule.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bangabi safundisa elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, besithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, utsho uYehova; ngokuba ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abayi kuba safundisana elowo umzalwana wakhe, esithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela komncinane kuse koyena mkhulu phakathi kwabo; ngokuba ndiya kubaxolela ubugwenxa babo ndingabi sasikhumbula isono sabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: ‘Mazini uNdikhoyo;’ kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu. Ndobuxolela ubugwenxa babo, ndingabuye ndikukhumbule ukona kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.