Jeremiah 31:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndobuya ndikwake, wauya kwakiwa, ntombi ipela yakwa‐Sirayeli! uya kubuya uhonjwe ngentambula zako, upumele emdudweni wabanemigcobo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubuya ndikwakhe, wakheke, ntombi inguSirayeli; uya kubuya uzihombise, uphathe iingqongqo zakho, uphume uye ekungqungqeni kwabangqungqayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kubuya ndikwakhe, wakheke, ntombi inguSirayeli; uya kubuya uzihombise ngeentente zakho, uphume umemelele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kubuya ndikuvuse, utsho wakheke, ntombindini Sirayeli! Uza kubuya ugaxele amagubu, ungenelele kumxhentso wabavuyayo.