Jeremiah 32:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandula ndayinika incwadi yentengo ku‐Baruke, unyana ka‐Neriya, unyana ka‐Mahaseya, pambi kwamehlo ka‐Hanamele unyana wobawokazi wam, napambi kwamehlo amanqi̔na abeba̔lile encwadini yentengo, pambi kwamehlo awo onke ama‐Juda abehleli enkundleni yentolongo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMahaseya, ndamnika phambi kukaHanameli unyana kabawokazi, nasemehlweni amangqina abesayine incwadi yentengiso. Onke amaYuda awayephila kwinkundla yentolongo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndaza ndazinika uBharuki unyana kaNeriya unyana kaMaseya. Ndamnika kukho uHanameli unyana kabawokazi kunye namangqina awayisayinayo incwadi yentengiso, kwakunye namaJuda onke awayekho apho kuloo yadi.