Jeremiah 32:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
umkulu ngobucebo, unamandla ngokwenza, omehlo ako avulekile pezu kwazo zonke indlela zonyana babantu, ukuba unike kwabanye ngabanye njengendlela yabo, nanjengesixakato sezenzo zabo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ucebo likhulu, uzenzo zincamisileyo ngamandla; umehlo avulekileyo phezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuba umnike ulowo ngokweendlela zakhe, nangokweziqhamo zezenzo zakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umkhulu ngomnqweno wakho, uyasebenza ngamandla, ngokuba amehlo akho aphezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuba unike ulowo ngokwendlela yakhe, nangokweziqhamo zezenzo zakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi ukuphakama kwezicwangciso zakho nokumangalisa kwemisebenzi yakho, omehlo aqwalasele zonke iindlela zabantu, ukuze ubuyekeze ulowo nalowo ngokwesimo nezenzo zakhe!