Jeremiah 32:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bada bangena balifuya; kodwa abavanga ilizwi lako, abahambanga ngomteto wako kanjako; konke ububayalela ngako ukuba bakwenze abakwenzanga; kukona ubahlisele lonke elilishwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza ke balihlala; kodwa abaliphulaphula izwi lakho, abahamba ngomyalelo wakho; konke owabawiselayo umthetho ngako ukuba bakwenze, abakwenza; wabahlisela ke bonke obu bubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bangena ke, balihlutha; kodwa abaliphulaphula izwi lakho, abahambanga ngomyalelo wakho; abakwenza konke owabawisela umthetho ngako ukuba bakwenze; ngenxa yoko nibazisele obu bubi bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakuba bengenile bema kumhlaba owabanika wona, suka bayityeshela imiyalelo yakho, abakuthobela, abazenza tu izinto owathi maze bazenze. Yiyo ke loo nto behlelwe leli shwangusha nje.