Jeremiah 32:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oti ama‐Kaledine, alwayo ngakuso isixeko esi, eze apembe umlilo kwesisixeko, asitshise; kwa nezindlu abaqu̔misele u‐Bali pezu kwezifulelo zazo, nabatululele otixo bambi iminikelo yokusela, ukuba bandiqumbise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
eze amaKaledi alwayo nalo mzi, awufake isikhuni, awutshise nezindlu abeqhumisela kuBhahali phezu kophahla lwazo, bathululela thixweni bambi iminikelo ethululwayo, ukuze bandiqumbise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AmaKhaledi alwa nesi sixeko aya kuza asitshise esi sixeko aze asitshise ndawonye nezindlu aqhumisela phezu kophahla lukaBhahali yaye athululela iminikelo ethululwayo kwabanye oothixo ukuze andigculele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aza kusihlasela amaKaledi, asintumeke ngomlilo, sitshe pam kunye nezo zindlu zabantu abandixhokonxa ngokwenzela kuzo isiqhumiso sesithixo uBhali neminikelo ethululwayo isenzelwa thixo bambi.