Jeremiah 32:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda ebemvalele, esiti: Yinina ukuba uprofiteshe, usiti: Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunikela isixeko esi esandleni sokumkani we‐Babilone, waeya kusibamba;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ebevalelwe kuyo nguZedekiya ukumkani wakwaYuda, esithi, Yini na ukuba uthi ukuprofeta kwakho, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba uZedekiya ukumkani wakwaYuda wambhalela, wathi, Yini na ukuba uprofete, usithi, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awuthimbe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayevalelwe entolongweni apho ngukumkani wakwaJuda uZedekiya, esithi: “Kutheni le nto ushumayela ngolu hlobo? Kaloku uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikezela esandleni sokumkani waseBhabheli, ndimvumele asithimbe.