Jeremiah 32:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba usapo luka‐Sirayeli nosapo luka‐Juda lukwenzile oko kukohlakeleyo kupela emehlweni am kwa sebutsheni balo; ngokuba usapo luka‐Sirayeli lundiqumbisile kupela ngomsebenzi wezandla zalo, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa emehlweni am kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli ngabaqumbisi bodwa kum, ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaYuda baye besenza ububi bodwa phambi kwam kwasebuncinaneni babo; ngokuba oonyana bakaSirayeli bendiqumbisile ngezenzo zezandla zabo; utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli namaJuda ayesenza ubugwenxa bodwa ukusukela kwasekusekweni kwawo; âhlala endixhokonxa ngemisebenzi yezandla zawo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.