Jeremiah 32:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba sibe siyinto yengqumbo yam nento yobuṙalaṙume bam esisixeko kum, kwa semhleni sakiwa ngawo kwada kwanamhla nje; ukuze ndisisuse ebusweni bam,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba lo mzi waba sisisulu somsindo wam nobushushu bam, kususela kwimini owakhiwa ngayo, kude kube yile mini; ukuze ndiwususe ebusweni bam,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba lo mzi waba yintlekisa kum ngenxa yomsindo wam nomsindo wam, kususela ekuwakhiweni kwawo kude kube namhla; ukuba ndiyisuse ebusweni bam,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwasekusekweni kwaso, kude kube ngoku, esi sixeko sandixhokonxa, sandivusela umsindo nengqumbo, kangangokuba kungokunje ndifuna sitshatyalaliswe siphele emehlweni am.