Jeremiah 32:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
baye besaka indawo ezipakamileyo zika‐Bali, ezisesihlanjeni sonyana ka‐Hinome, ukuba badlulise onyana babo nentombi zabo emlilweni pambi kwo‐Moleke; into endingabayalelanga ngayo, nengangenanga entliziyweni yam; besenza lentshontsho, ukuze babenze o‐Juda bone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bamakhela uBhahali iziganga ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze babacandisele uMoleki oonyana babo neentombi zabo, into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba bawenze loo masikizi, ukuze bawenze one amaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakha iindawo eziphakamileyo zikaBhahali kwintlambo yonyana kaHinom, ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo emlilweni ngenxa kaMoleki; endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam, ukuba benze eli masikizi, ukuba bawagrogrise amaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBhali bamakhele amaqonga kulaa ntili iHinom, apho benzela khona uMoleki amadini ngoonyana neentombi zabo. Andizange ndithi mabenze amanyumnyezi anje; ayizange ifike nokufika kum ingcinga yokuba bangade benze isikizi elinje ukulukuhlela uJuda esonweni.”