Jeremiah 32:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kaloku ngoko, utsho ukuti uyehova, utixo wo‐Sirayeli, pezu kwesixeko esi, eniti nina ngaso: Sinikelwe esandleni sokumkani we‐Babilone, ngesiṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kukaloku ke, ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kulo mzi, enithi, Unikelwe esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa:ukuthi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku ke, utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, ngenxa yalo mzi, uthi ngawo, Uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nina nithi abantu besi sixeko baza kunikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele nendlala nobhubhani. Ukanti nantsi into ethethwa nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngabo: