Jeremiah 32:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
no‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda yena akayi kusinda esandleni sama‐Kaledine, koko eya kunikelwa ngenyaniso esandleni sokumkani we‐Babilone, atete naye umlomo ngakuwo umlomo, ati amehlo ake abone amehlo ake;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
angasindi esandleni samaKaledi uZedekiya ukumkani wakwaYuda; uya kunikelwa okunene esandleni sokumkani waseBhabheli; umlomo wakhe uthethe nomlomo wakhe, amehlo akhe abone amehlo akhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uZedekiya, ukumkani wakwaYuda, akayi kusinda esandleni samaKaledi, kodwa ngokuqinisekileyo uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabhiloni yaye umlomo wakhe uya kuthetha umlomo nomlomo naye, namehlo akhe abone amehlo akhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uZedekiya ukumkani wakwaJuda naye akayi kusinda esandleni samaKaledi, koko wonikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli, babonane ngamehlo, bathethe ubuso ngobuso.