Jeremiah 32:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya kutenga amasimi ngemali, baba̔le encwadini, bayincamatisele, banqi̔nise amanqi̔na elizweni lakwa‐Benjamine, nasemizini engqongayo i‐Yerusaleme, nasezixekweni zakwa‐Juda, nasezixekweni zasezintabeni, nasezixekweni zasezihlanjeni, nasezixekweni zasesuyide; ngokuba ndiya kubuyisa ukutinjwa kwabo, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuthenga amasimi ngemali, bawabhale encwadini, itywinwe; bathabathe amangqina ezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke kwiYerusalem, nasemizini yakwaYuda, nasemizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi; ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abantu baya kuthenga imihlaba ngemali baze batyikitye amaxwebhu baze bawatywine, bathabathe amangqina kwilizwe lakwaBhenjamin nakwiindawo ezijikeleze iYerusalem nakwizixeko zakwaYuda nakwizixeko ezisezintabeni nakwizixeko zakwaBhenjamin intlambo yomlambo oqukuqelayo nakwiidolophana ezikude kwintlambo yomhlaba nemizi engasezantsi, ngokuba ndiya kuliguqula iqashiso layo, utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza kuyithenga ngesiliva abantu imihlaba; iincwadi zentengiso baza kuzisayina, bazitywine emehlweni amangqina, nditsho kwaBhenjamin, nakwiilali ezingqonge iJerusalem, nakwiidolophu zeleentaba zakwaJuda, nakumazantsi eentaba, nakumzantsi-Juda, kuba kaloku baza kubuyela kundalashe, badle ngendebe endala.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”