Jeremiah 32:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo u‐Hanamele, unyana wobawokazi wam, weza kum, njengelizwi likayehova, enkundleni yentolongo, wati kum: Kautenge intsimi yam ese‐Hanatote, esezweni lakwa‐Benjamine; ngokuba ibango lelifa lelako, nenkululo ikwa yeyako; zitengele yona. Ndaza ndazi ke ukuba lilizwi likayehova eli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela;zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza kum uHanameli, unyana kabawokazi, phambi kweyadi yentolongo ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Yithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; Ilifa lelakho, usindiso lolwakho; uzithengele yona. Ndaza ke ndazi ukuba lilizwi likaYehova elo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Eneneni ke, weza kum apho kuloo yadi yasebhotwe uHanameli unyana kabawokazi, wathi: ‘Khawuwuthenge umhlaba wam oseAnatoti kummandla wakwaBhenjamin. Kaloku nguwe isizalwana segazi esinelungelo lokuwukhulula loo mhlaba uwuthenge.’ “Ndaqonda ke ukuba ngenene nguNdikhoyo lo ubethetha nam.