Jeremiah 33:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Kwobuya kuviwe kulendawo, eniti nina ngayo: Icitakele, bengeko abantu, zingeko nazilo; ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme, ezicitakalisiweyo, zingenabantu, zingenabemi, zingenazilo,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Kuya kubuva kuviwe kule ndawo, nitshoyo ukuthi, Ilinxuwa, ayinabantu, ayinankomo, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, ekusenkangala kuzo, ezingenabantu, ezingenabemi, ezingenankomo:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova ukuthi, Kuya kubuya kuviwe kule ndawo, le nto nithi iya kuba yintlango, ingabi nankomo, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem, kube senkangala, ingenamntu, ingenamntu umhlali ongenasilwanyana;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Aba bantu bathi le ndawo yinkangala engamiwa mntu nasilwanyana. Ewe, kunjalo: iidolophu zakwaJuda nezitalato zaseJerusalem azinabantu, akukho nazilwanyana. Kanti iza kubuya ivakale