Jeremiah 33:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Kwobuya kubeko kulendawo, ecitakeleyo, ekungeko abantu nezilo kuyo, nakuzo zonke izixeko zayo, intlalo zabalusi, bebutumisa imihlambi yabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kule ndawo ilinxuwa, ingenamntu, ingenankomo, nasemizini yayo yonke, kuya kubuya kubekho ikriwa labalusi, ababuthela imihlambi yabo kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kule ndawo ilinxuwa, ingenamntu, ingenankomo, nasemizaneni yonke, kuya kubuya kubekho abathengisi abalusela imihlambi yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Kanye kule ndawo iyinkangala, ingamiwa mntu nasilwanyana, kuza kuvela amadlelo apho abelusi baya kwalusela khona impahla, kuvuswe needolophu zayo.