Jeremiah 33:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kuya kutshitshiswa nocebano lwam kunye no‐Davide isicaka sam, ukuba angabi nonyana epete ubukumkani pezu kweterone yake; nakunye naba‐Levi abangabaperisite, abakonzi bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
woba uya kwaphulwa nawo umnqophiso wam noDavide umkhonzi wam, ukuba angabi nanyana ungukumkani etroneni yakhe;kwanabaLevi ababingeleli, abalungiselela mna.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko umnqophiso wam noDavide umkhonzi wam mawuwaphulwe, angabi nanyana ungukumkani etroneni yakhe; nabaLevi, nababingeleli, abakhonzi bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ungaphela nomnqophiso wam nesicaka sam uDavide, angabi naye umzukulwana oya kulawula esikhundleni sakhe, kwangokunjalo nomnqophiso wam nabaLevi wokuba bahlale bendikhonza.