Jeremiah 33:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Ukuba akuko ucebano lwam lwemini nolwobusuku; ukuba andimisanga imimiso yezulu neyomhlaba;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Ukuba awumi umnqophiso wam wemini nowobusuku, ukuba imimiselo yezulu neyehlabathi andiyimisanga,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Umnqophiso wam ubunjengemini nobusuku, ukuba andiyi kuyimisa imimiselo yezulu neyehlabathi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa ungatshitshayo umnqophiso wam wemini nobusuku, khon' ukuze kuphele nemimiselo yam yolungelelwano esibhakabhakeni nasehlabathini,