Jeremiah 33:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndiya kwandula ndilahle inzalo ka‐Yakobi, no‐Davide isicaka sam, ukuze ndingatabati kwinzalo yake abaya kupata pezu kwenzalo ka‐Abrahame, n o‐Yisake, no‐Yakobi: koko ndiya kubuyisa ukutinjwa kwabo, ndibe netaṙu ngakubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndoba ndiya kuyicekisa nembewu kaYakobi noDavide umkhonzi wam; ukuba embewini yakhe ndingabi sathabatha abayilawulayo imbewu ka-Abraham noIsake noYakobi, ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo, ndibe nemfesane kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndoyilahla ke nembewu kaYakobi noDavide umkhonzi wam, ukuba ndingathabathi namnye wasembewini yakhe oyinkosi yembewu ka-Abraham noIsake noYakobi; ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo, nenceba yabo phezu kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
xa kunjalo ndingasibukula isizukulwana sikaYakobi nesikaDavide, isicaka sam, kungabi sanyulwa mlawuli koonyana bakhe alawule inzala ka-Abraham noIsake noYakobi. Unakanye! Ndiza kubakhulula ekuthinjweni, ndibabuyisele kundalashe, ndibathi jize ngemfesane.’ ”