Jeremiah 34:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, nxa u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, nayo yonke impi yake, nabo bonke ubukumkani belizwe lokupata kwake, nabo bonke abantu, bebesilwa ngakuyo i‐Yerusaleme, nangakuzo zonke izixeko zayo, lisiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, akubon ukuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, enempi yakhe yonke, nezikumkani zonke zelizwe eliselulawulweni lwesandla sakhe, nezizwe zonke, uyalwa neYerusalem nemizi yayo yonke: lalisithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, akubon’ ukuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, enempi yakhe yonke, nezikumkani zonke zelimiweyo phantsi kobukumkani bakhe, ziyilwa neYerusalem zonke iintlanga nemizi yayo, lisithi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngexesha ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli wayehlasela iJerusalem kunye needolophu eziyingqongileyo ngomkhosi wakhe wonke, encediswa zizikumkani zonke ezazingaphantsi kwakhe zezizwe ngezizwe awayezilawula, wafikelwa ludaba luvela *kuNdikhoyo uJeremiya. Lwafika lusithi: