Jeremiah 34:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zati zakuva zonke inkosana, nabo bonke abantu abebengenile elucebanweni, ukuba mabandulule abanye ngabanye isicaka sabo, nabanye ngabanye isicakakazi sabo, zikululekile, ukuze bangabi sazikonzisa, bandula beva, bazindulula ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphulaphula ke abathetheli bonke nabantu bonke, abangenayo emnqophisweni wokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, elikhulule, angabi sabakhonzisa;baphulaphula ke, babandulula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zakuva zonke iinkosana nabantu bonke ababengene emnqophisweni ukuba elowo akhulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, angabi sabakho, bathobela; bahamba ke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bavuma bonke abantu kunye neziphathamandla ukuwakhulula onke amakhoboka, bangabi sawakhoboza abo bantu. Bawakhulula ke,