Jeremiah 34:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ekupeleni kweminyaka isixe̔nxe niya kumndulula abanye ngabanye umzalwana wabo, um‐Hebere, otengiselwe kuwe, okukonzileyo iminyaka mitandatu; ewe, uya kumndulula ekululekile kuwe: kodwa oyihlo benu abandipulapulanga, abatobanga indlebe yabo kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndathi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ize nindulule elowo umzalwana wakhe ongumHebhere, owazithengisayo kuwe;wokukhonza iminyaka emithandathu, umndulule kuwe, umkhulule; ke ooyihlo abandiphulaphulanga, abandithobelanga ndlebe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, elowo makashiye umzalwana wakhe ongumHebhere lowo kwathengiswa kuwe; ukuba uthe wakhonza iminyaka emithandathu, makahambe eze kuwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Qho ekupheleni kweminyaka esixhenxe kufuneka nikhulule wonke umwenu ongumHebhere ozithengise kuwe ithuba leminyaka emithandathu ekusebenzela.” Kodwa ookhokho benu abazanga bayihoye nokuyihoya loo nto ndayithethayo.