Jeremiah 34:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko nibuye naguquka, nalidyoba igama lam, nanibuyisile abanye ngabanye isicaka sabo, nabanye ngabanye isicakakazi sabo, enibe nizindulule zikululekile ngentando yazo, nazitobisa zibe zizicaka nezicakakazi kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nasuka najika, nalihlambela igama lam, nabuyisa elowo ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, enaniwandulule, niwakhulule ngokuthanda kwawo; nawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nabuya ke nalenza inqambi igama lam, nabuyela elowo ikhoboka lakhe, nabuyela elowo ikhobokazana lakhe, enalikhulula ngokuqhutywa yintliziyo, nazinikela kubo, ukuba babe ngabakhonzi kuni, nabakhonzi benu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ngoku nibuye nasityeshela eso sigqibo, nalinyelisa igama lam ngokubuya nibanyanzele nibenze amakhoboka abantu ebenisele nabakhulula baye apho bathanda ukuya khona.’