Jeremiah 34:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho uyehova ukuti: Anipulapulanga kum, ngokushumayela inkululeko abanye ngabanye kumzalwana wabo, nabanye ngabanye kummelwane wabo: bona ke, ndiya kushumayelela nina inkululeko, utsho uyehova, kulo iṙele, na kuso isifo esibubisayo, nakuyo indlala, ndininikele ekuzanyazanyisweni kubo bonke ubukumkani bomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Anindiphulaphulanga ngokuvakalisa inkululeko, elowo kumzalwana wakhe, elowo kummelwane wakhe; yabonani, ndivakalisa kuni inkululeko, utsho uYehova, yokuya ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa, ndininikele kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuze nibe yinto yokunqakulisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Anindiphulaphulanga ngokuthi nibize inkululeko, elowo ngenxa yomzalwana wakhe; yabonani, ndininika inkululeko, utsho uYehova, yokuphuma ekreleni, nasendyikityeni yokufa, nasendlaleni; ndiya kukuphakamisa ezikumkanini zonke zehlabathi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Anindithobelanga ngokungawakhululi amawenu. Niyabona ke, ndinivakalisela isibhengezo senkululeko: inkululeko yokufa ngekrele nendlala nobhubhani. Ndiza kunenza nibe ngumbono orhwaqelisayo kuzo zonke izizwe zehlabathi. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.