Jeremiah 34:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kunikela amadoda alugqitileyo ucebano lwam, lawo angawaqinisanga amazwi ocebano abelwenzile pambi kwam, akucanda itole kubini, aza adlula pakati kwezito zalo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuwenza amadoda awugqithileyo umnqophiso wam, angawagcinanga amazwi omnqophiso awawenzayo phambi kwam, abe lelo thole alicanda kubini, acanda phakathi kwezahlulo zenyama yalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndowanikela amadoda awaphule umnqophiso wam, angawagcinanga amazwi omnqophiso awawenzayo phambi kwam, abeya kulityatya ithole, acanda phakathi kwalo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amadoda awaphuleyo umnqophiso wam, akayifezekisa imiqathango yomnqophiso awawenza phambi kwam, ndowafanisa nethole awalahlula kubini, aza acanda phakathi kwaloo macala alo.