Jeremiah 34:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nawe akuyi kusinda esandleni sake, koko uya kubanjwa ngenyaniso, unikelwe esandleni sake; oti amehlo ako awabone amehlo okumkani we‐Babilone, nomlomo wake utete nomlomo wako, uye wena e‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena akuyi kusinda esandleni sakhe; inene, uya kubanjwa, unikelwe esandleni sakhe, amehlo akho awabone amehlo okumkani waseBhabheli, umlomo wakhe uthethe nomlomo wakho, uve nawe eBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuyi kusinda esandleni sakhe, kodwa uya kubanjwa, unikelwe esandleni sakhe; amehlo akho aya kuwabona amehlo okumkani waseBhabhiloni, yaye uya kuthetha ngomlomo wakho nangomlomo wakho, yaye uya kuya eBhabhiloni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nawe akuyi kuphuncula: uza kubanjwa unikezelwe kuye. Uza kumbona ngamehlo ukumkani waseBhabheli, nithethe ubuso ngobuso, uhambe uye eBhabheli.’