Jeremiah 34:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Eluxolweni uya kufa, nangezitshiselwa zoyihlo bako, okumkani batanci abebepambili kuwe, ngezinjalo baya kutshisela wena; na ngokuti: Au, nkosi! bokulilela: ngokuba ilizwi ndilitetile mna, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kufa unoxolo; ngokutshiselwa kooyihlo, ookumkani bamandulo ababekho ngaphambi kwakho, baya kwenjenjalo ukukutshisela; bakumbambazelele, besithi, Athi ke mna, nkosi!Ngokuba mna ndilithethile ilizwi; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uya kufa unoxolo; ngokutshiselwa kooyihlo, ookumkani bokuqala ababekho ngaphambi kwakho bakutshise ngesiqhumiso; baya kukhalela wena, besithi, Oh! kuba ndithethe ilizwi,’ utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uza kufa ngoxolo. Nanjengoko abantu babesenza isiqhumiso xa babengcwaba ooyihlo, nditsho ookumkani bamandulo, ngokunjalo naxa bangcwaba wena baza kwenza isiqhumiso. Nawe baza kukuzilela, bathi: “Mawoo, nkosi!” Uthethile uNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”