Jeremiah 34:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nxa impi yokumkani we‐Babilone ibisilwa ngakuyo i‐Yerusaleme, nangakuzo zonke izixeko zakwa‐Juda eziseleyo, ngakuyo i‐Lakishe nangakuyo i‐Hazeka: ngokuba ezi zibe zisala pakati kwezixeko zakwa‐Juda, zizizixeko ezinqatyisiweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yakubon ukuba impi yokumkani waseBhabheli iyalwa neYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda eseleyo, neLakishe, neAzeka; ngokuba kwakusele yona emizini yakwaYuda, iyimizi enqatyisiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa umkhosi wamajoni kakumkani waseBhabhiloni wawusilwa neYerusalem nazo zonke izixeko zakwaYuda ezazisele, iLakishe neAsheki, ngenxa yokuba ezi zixeko zokusabela zazisele kwizixeko zakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
xa kanye umkhosi wokumkani waseBhabheli wawuhlasela eso sixeko kunye nezinye iidolophu ezazisaxhathisile, iLakishe neAzeka, kuphela kwezixeko zakwaJuda ezazinqatyisiwe ezasalayo.