Jeremiah 35:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amazwi ka‐Yehonadabi unyana ka‐Rekabe, lawo wabayalela onyana bake ngawo okuba bangaseli iveyine, afeziwe; ngokuba bengayiselanga kwada kwanamhla nje, koko bevile umyalelo woyise wabo: kanti nditetile kuni, ndivuka kusasa nditeta, kodwa anipulapulanga kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Agciniwe amazwi kaYonadabhi, unyana kaRekabhi, awabawisela oonyana bakhe ukuba bangaseli wayini; abaseli unanamhla, bawuphulaphula ke umthetho kayise. Ke mna ndathetha kuni, ndithetha, ndivuka kusasa; anindiphulaphulanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Azaliseka amazwi kaYonadabhi, unyana kaRekabhi, awabawisela oonyana bakhe ukuba bangaseli wayini; ngokuba abaseli nanamhla, bawuthobela umthetho kayise kodwa anindiphulaphulanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYonadabhi unyana kaRekabhi wayalela oonyana bakhe ukuba bangaseli iwayini, myalelo lowo bawugcinileyo. Unanamhla ke abayiseli iwayini, kuba bethobela umyalelo wookhokho babo. Kodwa mna ndiphindelele ukuthetha nani, kodwa anandithobela.