Jeremiah 35:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nditumile kuni izicaka zam abaprofite, ndivuka kusasa ndizituma, ndisiti: Guqukani ke abanye ngabanye endleleni yabo ekohlakeleyo, nilungise izenzo zenu, nize ningalandeli otixo bambi ngokubakonza, naniya kuhlala elizweni endilinikileyo kuni nakoyihlo benu; kodwa anitobanga indlebe yenu, anipulapulanga kum kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma, ndivuka kusasa, ndisithi, Khanibuye, elowo endleleni yakhe embi, nilungise iintlondi zenu, ningalandeli thixo bambi, ukuze nibakhonze; nohlala ke emhlabeni endawunika nina nooyihlo. Ke anizithobanga iindlebe zenu, anindiphulaphulanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, abavuka kusasa, babathuma, besithi, Guqukani, elowo endleleni yakhe embi, nilungise iintlondi zenu, ningalandeli thixo bambi; musani ukuzenza khonzani, nihlale ezweni endalinika nina nooyihlo; kodwa anindiphulaphulanga, anaphulaphula nam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithe rhoqo ukunithumela zonke izicaka zam *abashumayeli. Babesithi: “Guqukani ezindleleni zenu ezigwenxa, nilungise ihambo yenu. Musani ukulandela abanye oothixo nibanqule. Xa nisenjenjalo niya kuma kulo mhlaba ndawunika ookhokho benu.” Kodwa nina nisuke anahoya, anandithobela.