Jeremiah 35:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko, utsho uyehova, utixo wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwo‐Juda napezu kwabo bonke abemi base‐Yerusaleme, lonke ilishwa endilitetileyo ngakubo; ngenxa yokuba nditetile kubo, koko bengevanga, nokuba ndibizile kubo, koko bengapendwanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwazisela amaYuda nabemi bonke baseYerusalem bonke obu bubi ndathethayo ngabo; ngenxa yokuba ndathetha kubo, abeva; ndababiza, abasabela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwazisela amaYuda, nabemi bonke baseYerusalem, bonke ububi endibuthethileyo kubo, ngenxa enokuba ndithethile kubo kodwa wabatshabalalisa abeva; Ndababiza, kodwa abazange baphendule.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Ngoko ke mna Ndikhoyo, uThixo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, nditsho ukuthi: “Niyabona, uJuda nabo bonke abemi baseJerusalem ndibazisela yonke intlekele endabasongela ngayo. Ndabathethisa, kodwa àbandiphulaphula; ndabakhalimela, kodwa abasabela.” ’ ”