Jeremiah 35:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Jeremiya wati kuyo indlu yama‐Rekabe: Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ngenxa yokuba niwuvile umyalelo ka‐Yehonadabi uyihlo wenu, nokuba niyigcinile yonke imiyalezelo yake, nokuba nenzile ngako konke abeniyalela kona;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYeremiya wathi kwindlu yamaRekabhi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba niwuphulaphule umthetho kaYonadabhi uyihlo, nayigcina yonke imithetho yakhe, nenza ngako konke awaniwisela umthetho ngako;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYeremiya kwindlu yamaRekabhi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngokuba uwuthobele umthetho kaYonadabhi uyihlo, wayigcina yonke imithetho yakhe, wenza ngako konke abewise umthetho ngako;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJeremiya ke wabhekisa kumaRekabhi, wathi: “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Nina namthobela uyihlo-mkhulu uYonadabhi, nawugcina umthetho wakhe, nayenza yonke imiyalelo yakhe.