Jeremiah 35:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko, utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Akuyi kunqamkela u‐Yehonadabi unyana ka‐Rekabe indoda imi pambi kwam imihla yonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, UYonadabhi, unyana kaRekabhi, akayi kunqunyukelwa ndoda yakuma phambi kwam yonke imihla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, uYonadabhi, unyana kaRekabhi, akayi kuswela mntu wokuma phambi kwam ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke mna Ndikhoyo onguSomandla-onke uThixo kaSirayeli ndithi: ‘UYonadabhi unyana kaRekabhi akayi kuze aswele ndoda yakundikhonza.’ ”