Jeremiah 35:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndabazisa endlwini kayehova, enkambilini yonyana baka‐Hanane, unyana ka‐Gidaliya, indoda katixo, ebikufupi nenkambili yenkosana, ebipezu kwenkambili ka‐Mahaseya, unyana ka‐Shalume, umgcini womnyango.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndabangenisa endlwini kaYehova, egumbini koonyana bakaHanan unyana kaIgedaliya, umfo wakwaThixo, elisecaleni kwegumbi labathetheli, eliphezu kwegumbi likaMahaseya unyana kaShalum, umgcini-mnyango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabazisa endlwini kaYehova, kwigumbi loonyana bakaHanan, unyana kaIgedaliya, umfo wakwaThixo, elalikwigumbi leenkosana elaliphezu kwegumbi likaMahaseya unyana wakhe kaSalum, yaba umgcini-sango:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndabangenisa endlwini kaNdikhoyo, kwigumbi leento zikaHanam owayezalwa ngumfo wakwaThixo uIgedaliya. Elo gumbi lalimelene negumbi leziphathamandla, lona eli lingasentla kwelikaMaseya unyana kaShalum owayengumgcini-masango.