Jeremiah 35:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko bati: Asiyi kusela iveyine; ngokuba u‐Yehonadabi, unyana ka‐Rekabe, ubawo, wasiyalela ngokuti: Aniyi kusela iveyine, nina, nabantwana benu, kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi bona, Asiyiseli iwayini: ngokuba uYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, wasiwisela umthetho wokuthi, Ze ningaseli wayini, nina, noonyana benu, naphakade;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi bona, Asiyi kusela wayini, ngokuba uYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, wasiwisela umthetho, wathi, Ze ningaseli wayini naphakade, nina noonyana benu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athi loo madoda: “Hayi, asiyiseli iwayini! Kaloku ubawo omkhulu uYonadabhi, unyana kaRekabhi, wathi: ‘Ze ningaze niyisele iwayini, nina nezizukulwana, nditsho nanini na.