Jeremiah 35:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nezindlu aniyi kuzaka, nembewu aniyi kuyihlwayela, nemiyezo yemiti yeveyine aniyi kuyityala; aniyi kuba nezonto kanjalo; koko niya kuhlala ezintenteni yonke imihla yenu, ukuze nipile imihla emininzi pezu kwobuso bomhlaba, apo ningabapambukeli kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ningakhi zindlu, ningahlwayeli mbewu, ningatyali sidiliya, ningabi nazo ezo zinto; ke nohlala ezintenteni yonke imihla yenu, ukuze niphile imihla emininzi phezu komhlaba, eningabaphambukeli kuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ningakhi ndlu, ningahlwayeli mbewu, ningatyala nesidiliya, ningabi nanto yakwenza; hlalani ezintenteni yonke imihla yenu; ukuze niphile imihla emininzi emhlabeni eningabaphambukeli kuwo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezu koko ze ningaze nakhe izindlu, nihlwayele imbewu, nityale izidiliya. Ze ningabi nazo konke-konke ezi zinto, koko nihlale ezintenteni bonke ubomi benu. Ukuba nithe nenjenjalo niya kuma ithuba elide kulo mhlaba eniphambukele kuwo.’