Jeremiah 36:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula walesesha u‐Baruke encwadini leyo amazwi ka‐Jeremiya, endlwini kayehova, enkambilini ka‐Gemariya unyana ka‐Shafane umba̔li, ebaleni lasentla, emnyango wesango elitsha lendlu kayehova, ezindlebeni zabantu bonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UBharuki wawalesa encwadini amazwi kaYeremiya endlwini kaYehova, egumbini likaGemariya unyana kaShafan, umbhali, entendelezweni ephezulu, ekungeneni kwesango elitsha lendlu kaYehova, ezindlebeni zabantu bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawalesa uBharuki amazwi kaYeremiya encwadini, endlwini kaYehova, egumbini likaGemariya, unyana kaShafan, umbhali, entendelezweni ephezulu, ekungeneni kwesango elitsha lendlu kaYehova. uYehova, phambi kwabantu bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UBharuki esendlwini kaNdikhoyo, emi egumbini likaGemariya unyana kanobhala uShafan elalikwiyadi engentla kwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo, wabafundela encwadini abantu amazwi kaJeremiya.