Jeremiah 36:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula wehla waya endlwini yokumkani, enkambilini yomba̔li; kekaloku bona ke, zonke inkosana zibe zihleli kona: u‐Elishama umba̔li, no‐Delaya unyana ka‐Shemaya, no‐Elinatane unyana ka‐Hakebore, no‐Gemariya unyana ka‐Shafane, no‐Zedekiya unyana ka‐Hananiya, nenkosana zonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wehla waya endlwini yokumkani, egumbini lombhali. Nabo, behleli khona abathetheli bonke: ooElishama umbhali, noDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nabathetheli bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko wehla waya endlwini kakumkani kwigumbi lonobhala, waza wazibona zonke iinkosana zihleli apho, uElishama unobhala noDelaya unyana kaShemaya noElinatan unyana ka-Akibhore noGemariya unyana kaShafan. noZedekiya unyana kaHananiya, nabathetheli bonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waya kwigumbi likanobhala ebhotwe apho kwakuhleli khona ezi ziphathamandla: unobhala uElishama, uDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, kunye noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nezinye iindwalutho zonke.