Jeremiah 36:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zandula zonke inkosana zamtuma ku‐Baruke u‐Yehudi, unyana ka‐Netaniya, unyana ka‐Shelemiya, unyana ka‐Kushi, zisiti: Umqulu, ubulesesha kuwo ezindlebenizabantu, wutabate esandleni sako, uze nawo. Wasuka u‐Baruke unyana ka‐Neriya wawutabata umqulu esandleni sake, weza kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bonke abathetheli bathumela kuBharuki uYehudi unyana kaNetaniya, unyana kaShelemiya, unyana kaKushi, besithi, Incwadi esongwayo leyo ulese kuyo ezindlebeni zabantu, yiphathe ngesandla sakho, uze. UBharuki unyana kaNeriya wayiphatha ke incwadi esongwayo ngesandla sakhe, weza kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bonke abathetheli bathumela kuBharuki uYehudi unyana kaNetaniya, unyana kaShelemiya, unyana kaKushi, besithi, Incwadi leyo uyilesileyo phambi kwabantu, yiphathe ngesandla sakho, uze. uBharuki unyana kaNeriya wayithabatha incwadi ngesandla sakhe, weza kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ezo ziphathamandla zathuma uYehudi, unyana kaNetaniya ozalwa nguShelemiya unyana kaKushi, ukuba axelele uBharuki athi: “Yiza apha naloo ncwadi uyifundela abantu!” Waya kubo ke uBharuki unyana kaNeriya, eyiphethe loo ncwadi.