Jeremiah 36:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wamtuma u‐Yehudi aye kutabata umqulu, owawususa enkambilini ka‐Elishama umba̔li; waye u‐Yehudi wawulesesha ezindlebeni zokumkani, nasezindlebeni zazo zonke inkosana ezibe zimi ngakuye ukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wathuma uYehudi, ukuba ayithabathe incwadi esongwayo; wayithabatha ke egumbini likaElishama umbhali.UYehudi wayilesa ezindlebeni zokumkani, nasezindlebeni zabathetheli bonke abamele ngakukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wathuma uYehudi, ukuba ayithabathe incwadi esongwayo; wayithabatha ke egumbini likaElishama umbhali. uYehudi wafunda apho wayephulaphule ukumkani, nazo zonke iinkosana zazimi phambi kokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ukumkani uYehudi makaye kuyilanda loo ncwadi. Waya kuyilanda ke egumbini likaElishama unobhala, wafika wayifundela ukumkani kunye neziphathamandla ezo ezazimngqongile.