Jeremiah 36:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wabayalela u‐Jeramele unyana ka‐Hameleke, no‐Seraya unyana ka‐Zariyeli, no‐Shelemiya unyana ka‐Habideli, ukuba babambe u‐Baruke umba̔li no‐Jeremiya umprofite: kodwa uyehova wabafihla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wabawisela umthetho ooYerameli unyana kakumkani, noSeraya unyana ka-Azeriyeli, noShelemiya unyana ka-Abhedeli, ukuba bambambe uBharuki umbhali noYeremiya umprofeti; uYehova wabazimeza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani wabawisela umthetho ooYerakemeli unyana wokumkani, noSeraya unyana ka-Asriyeli, noShelemiya unyana ka-Abhedeli, ukuba bambambe uBharuki umbhali, noYeremiya umprofeti; uYehova wabazimeza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka wathi ukumkani kuJerameli unyana wakhe, noSeriya unyana ka-Azeriyeli, kunye noShelemiya unyana ka-Abhedeli, mabababambe ooJeremiya umshumayeli noBharuki unobhala wakhe. Suka yena uNdikhoyo wabafihla.